1. Ke kaloku uYobi uphinde wathathisa wenjenje:
2. “Ekho nje uThixo, lo undivimb' ubulungisa,nditsho uSomandla lo uwenze umphefumlo wam wangcamla ubukrakra:
3. Ukuba ndisaxomoloza ndisadl' amazimba,xa ngaba ndisaphila ndinomphefumlo kaThixo emathatheni am,
4. imilebe yam ayisokuze ithethe inkohlakalo,ngokunjalo nolwimi lwam alusoze luthethe inkohliso.
5. Andisoze ndithi ninyanisile,futhi ndiya kude ndife ndibambelele kwinyaniso yokuba ndimsulwa.
6. Ndiya kuthi nca kwinto yokuba ndililungisa;andisoze ndibe nasazela yonke imihla yam.
7. “Akwaba utshaba lwam lwafumana isohlwayo sabakhohlakeleyo,ngokunjalo nombandezeli wam azuze isiphelo sabangenabulungisa.