Uyobi 26:3-14 Ibhayibhile (XHO96)

3. Ewe, uzicebise kakuhle izityhakala;hayi, ubulumko obubonakalisileyo!

4. Phofu uthi ngubani ongade aweve la mazwi akho?Khona futhe lini eli uthetha uphantsi kwalo?”

5. “Abafileyo bayabhinyalaza kukunkwantya,kanti ke nelo lamanzi liyazibhija-bhija kunye nabemi balo.

6. Ewe, elabafileyo lityhilekile phambi koThixo;ayinasigqubuthelo inzonzobila.

7. Kaloku uThixo wasitwabulula isibhakabhaka ngasentla phaya,waza umhlaba wawujingisa enyanyeni.

8. Nguye ofaka amanzi kwiingqimba zamafu,aze loo mafu awabophe angagqajuzwa bobo bunzima bamanzi.

9. Uyayifihla inyanga ingabonakali;ewe, utwabulula ilifu lithi zinzi, itsho ifihlakale.

10. Wakwahlula ukukhanya ebumnyameningeso sazinge sizotywe elundini lolwandle.

11. Uthi angakhalima zitsho zihexe iintsika ezixhase isibhakabhaka;ewe, zitsho zizama-zame zingcangcazele kukoyika.

12. Kaloku yena ngaloo mandla akhe waluthomalalisa ulwandle,waza kwangobo buchule bakhe wamvikiva uRahabhi isilo saselwandle.

13. Ngomoya wakhe ufutha sitsho sicwenge isibhakabhaka;kanti ke ikwasisandla sakhe esangxwelerha inyoka enyubelezayo.

14. Kambe ke la ngamagqabantshintshi nje amandla akhe.Thina esikuvileyo lumingi-mingi nje!Ibingubani ke ongade akuqonde ukuzongoma kwamandla kaThixo?”

Uyobi 26