1. Ke yena uYobi uphendule wenjenje:
2. “Kuthi mandivume ndithi ùluncedo kwababhetye-bhetye!Hayi kambe ukubahlangula kwakho abo baswele amandla!
3. Ewe, uzicebise kakuhle izityhakala;hayi, ubulumko obubonakalisileyo!
4. Phofu uthi ngubani ongade aweve la mazwi akho?Khona futhe lini eli uthetha uphantsi kwalo?”
5. “Abafileyo bayabhinyalaza kukunkwantya,kanti ke nelo lamanzi liyazibhija-bhija kunye nabemi balo.
6. Ewe, elabafileyo lityhilekile phambi koThixo;ayinasigqubuthelo inzonzobila.
7. Kaloku uThixo wasitwabulula isibhakabhaka ngasentla phaya,waza umhlaba wawujingisa enyanyeni.
8. Nguye ofaka amanzi kwiingqimba zamafu,aze loo mafu awabophe angagqajuzwa bobo bunzima bamanzi.
9. Uyayifihla inyanga ingabonakali;ewe, utwabulula ilifu lithi zinzi, itsho ifihlakale.