Uyobi 26:1-11 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke yena uYobi uphendule wenjenje:

2. “Kuthi mandivume ndithi ùluncedo kwababhetye-bhetye!Hayi kambe ukubahlangula kwakho abo baswele amandla!

3. Ewe, uzicebise kakuhle izityhakala;hayi, ubulumko obubonakalisileyo!

4. Phofu uthi ngubani ongade aweve la mazwi akho?Khona futhe lini eli uthetha uphantsi kwalo?”

5. “Abafileyo bayabhinyalaza kukunkwantya,kanti ke nelo lamanzi liyazibhija-bhija kunye nabemi balo.

6. Ewe, elabafileyo lityhilekile phambi koThixo;ayinasigqubuthelo inzonzobila.

7. Kaloku uThixo wasitwabulula isibhakabhaka ngasentla phaya,waza umhlaba wawujingisa enyanyeni.

8. Nguye ofaka amanzi kwiingqimba zamafu,aze loo mafu awabophe angagqajuzwa bobo bunzima bamanzi.

9. Uyayifihla inyanga ingabonakali;ewe, utwabulula ilifu lithi zinzi, itsho ifihlakale.

10. Wakwahlula ukukhanya ebumnyameningeso sazinge sizotywe elundini lolwandle.

11. Uthi angakhalima zitsho zihexe iintsika ezixhase isibhakabhaka;ewe, zitsho zizama-zame zingcangcazele kukoyika.

Uyobi 26