6. Ukutya kwabo bakuvuna efusini,bakhwahlaze izidiliya zezikhohlakali.
7. Ebusuku balala ngengub' esele;abanazo iingubo zokubakhusela engqeleni.
8. Ezintabeni phaya iimvula zibatsho babe manzi tixi,bemana bezikhusela ngokuncathama emaweni.
9. Abakhohlakeleyo bathimba iintsana eziziinkedama ezisesebeleni;bathatha iintsana zamahlwempu zibe sisibambiso.
10. Ewe, amahlwempu ahamba ze engenampahla;athwala izithungu izisu zithe nca!
11. Akhama ioyile eminqumeni,axovule newayini ezidiliyeni;kodwa wona ngokwawo abe enxaniwe.
12. Ezixekweni kuncwina amadoda,iingxwelerha ziyahlahlamba zicela uncedo,kodwa yena uThixo akazisi enkundleni izikhohlakali.”
13. “Kukho abantu abangafunaniyo nokukhanya,abangafuni nokuziqonda iindlela zako,futhi bengahambisani nako mpela!