4. Amahlwempu bayawagila aphume endleleni,babanyanzelisele ekuzimeleni abaziintsizana belizwe.
5. Ewe, abahlelelekileyo bavuka kusasa, bexelengela ukutya kwabo,oku kweqwarha elibhadula ezindle lifuna ukutya koozintlango;yinkqantosi kuphela ebonelela abantwana babo ngokutyiwayo.
6. Ukutya kwabo bakuvuna efusini,bakhwahlaze izidiliya zezikhohlakali.
7. Ebusuku balala ngengub' esele;abanazo iingubo zokubakhusela engqeleni.
8. Ezintabeni phaya iimvula zibatsho babe manzi tixi,bemana bezikhusela ngokuncathama emaweni.
9. Abakhohlakeleyo bathimba iintsana eziziinkedama ezisesebeleni;bathatha iintsana zamahlwempu zibe sisibambiso.
10. Ewe, amahlwempu ahamba ze engenampahla;athwala izithungu izisu zithe nca!
11. Akhama ioyile eminqumeni,axovule newayini ezidiliyeni;kodwa wona ngokwawo abe enxaniwe.
12. Ezixekweni kuncwina amadoda,iingxwelerha ziyahlahlamba zicela uncedo,kodwa yena uThixo akazisi enkundleni izikhohlakali.”
13. “Kukho abantu abangafunaniyo nokukhanya,abangafuni nokuziqonda iindlela zako,futhi bengahambisani nako mpela!
14. Izikrelemnqa zivuka ekuseni ziye kugebenga abahlelelekileyo,kuze kuthi kwakuhlwa zijike zibe ngamasela.
15. Ke bona abakrexezi balinda ungcwalazi,ufike sebefihl' ubuso, besithi: ‘Andiyi kubonwa.’
16. Ebusuku amasela aqhekeza izindlu,aze kwakuba semini azimele angafunani nokukhanya.
17. Isithoko-thoko sobumnyama sifana nemini kubo;ubusuku oboyikekayo bunjengomhlobo kubo.
18. “Isikhohlakali sikhukuliswa sisikhukula;amasimi asisabelo saso ashwatyulelwe,akusekho bani usebenzayo ezidiliyeni zaso.
19. Ikhephu liyanyibilika lakudibana nobushushu nembalela;ngokunjalo naboni bayavuthuluka kwelabafileyo.