Uyobi 24:1-10 Ibhayibhile (XHO96)

1. “Ngani ukuba uSomandla angalimisi ixesha lokugweba?Kutheni ukuba nâbo bamaziyo bangayiboni loo mini?

2. Abantu bayawushenxisa umlima-ndlela.Ewe, beba iigusha bazifuye emadlelweni.

3. Bayayohlutha idonki yenkedama;babambisa ngenkabi yenkomo yomhlolokazi.

4. Amahlwempu bayawagila aphume endleleni,babanyanzelisele ekuzimeleni abaziintsizana belizwe.

5. Ewe, abahlelelekileyo bavuka kusasa, bexelengela ukutya kwabo,oku kweqwarha elibhadula ezindle lifuna ukutya koozintlango;yinkqantosi kuphela ebonelela abantwana babo ngokutyiwayo.

6. Ukutya kwabo bakuvuna efusini,bakhwahlaze izidiliya zezikhohlakali.

7. Ebusuku balala ngengub' esele;abanazo iingubo zokubakhusela engqeleni.

8. Ezintabeni phaya iimvula zibatsho babe manzi tixi,bemana bezikhusela ngokuncathama emaweni.

9. Abakhohlakeleyo bathimba iintsana eziziinkedama ezisesebeleni;bathatha iintsana zamahlwempu zibe sisibambiso.

10. Ewe, amahlwempu ahamba ze engenampahla;athwala izithungu izisu zithe nca!

Uyobi 24