Uyobi 22:7-15 Ibhayibhile (XHO96)

7. Abadiniweyo benxaniwe awuluthobanga unxano lwabo,nabalambileyo ubavimbile ukutya.

8. Wena ubusisinhanha esinemihlaba;ubungummi obekekileyo.

9. Kanti awanelanga kukungancedi bahlolokazi,koko ude waxhaphaza wacinezela neenkedama ezi!

10. Ngoko ke ngoku ubhijelwe zizabatha;uminxwe naliphaphu.

11. Ngoku ukhulelwe bubumnyama, awuboni;ugutyungelwe naziimpuphuma.

12. “Andithi na kaloku uThixo yena uhlala emajukujukwini amazulu?Neenkwenkwezi ngokwazo kuloo malenga-lenga zikuwo yena uzivelele.

13. Ube ke wena usithi: ‘Wazi ntoni uThixo?Esithwe ziingqimba zamafu nje, angasigweba njani?’

14. Uthi: ‘Akaboni; uvalelwe ngamafu;kuphela uhamba-hamba phaya esibhakabhakeni.’

15. Ngaba usazimisele ukuhamba indlela yamandulo,ulandele ikhondo labantu abakhohlakeleyo?

Uyobi 22