18. Kambe ke ikwanguye ozalisa imizi yabo ngobuqhele-qhele.Phofu ke mna andihambisani neqhinga lezikhohlakali.
19. “Amalungisa ayakubona ukutshabalala kwezikhohlakali, asuke avuye;abamsulwa bahlekisa ngazo besithi:
20. ‘Inene, iintshaba zethu zitshatyalalisiwe,nobutyebi bazo budliwe ngumlilo.’
21. “Ngoko ke wena zilahlele kuThixo, ube noxolo kunye naye;kwakuba njalo ke uya kuzuza okulungileyo.
22. Yamkela imfundiso ephuma emlonyeni wakhe,uwamilisele entliziyweni yakho amazwi akhe.
23. Ewe, ukuba uyabuyela kuSomandla uya kwakheka;nto nje wena lahla la manyondololo aqhubeka kulo mzi wakho.
24. Igolide yakho yilahle,neyona yodidi yaseOfire yithathe njengamatye nje aphaya entlanjeni.
25. Kuphela igolide yakho mayibe nguSomandla,neengqumba zesiliva yakho mayibe kwanguye.
26. Wakuba wenjenjalo ke uya kukholosa ngoThixo uSomandla,ubujongise kuye ubuso bakho.
27. Uya kuthandaza kuye eve;ngokunjalo ke nezibhambathiso zakho uzifezekise.
28. Izigqibo zakho ziya kuphumelela,ngokunjalo nendlela yakho ibe mhlophe.
29. Xa abantu bekhahlelwe phantsi uze uthi: ‘Nceda ubaphakamise.’UThixo uya kubahlangula abazithobileyo;
30. ewe, ude ahlangule nongekho msulwa,emsindisa ngobunyulu bezandla zakho.”