Uyobi 22:11-27 Ibhayibhile (XHO96)

11. Ngoku ukhulelwe bubumnyama, awuboni;ugutyungelwe naziimpuphuma.

12. “Andithi na kaloku uThixo yena uhlala emajukujukwini amazulu?Neenkwenkwezi ngokwazo kuloo malenga-lenga zikuwo yena uzivelele.

13. Ube ke wena usithi: ‘Wazi ntoni uThixo?Esithwe ziingqimba zamafu nje, angasigweba njani?’

14. Uthi: ‘Akaboni; uvalelwe ngamafu;kuphela uhamba-hamba phaya esibhakabhakeni.’

15. Ngaba usazimisele ukuhamba indlela yamandulo,ulandele ikhondo labantu abakhohlakeleyo?

16. Kaloku bona baxhwilwe kwangaphambi kwexesha labo;izikhukula zemka neziseko zabo.

17. Aba ngabo babesithi kuThixo: ‘Suka kuthi.Angasenza ntoni na uSomandla?’

18. Kambe ke ikwanguye ozalisa imizi yabo ngobuqhele-qhele.Phofu ke mna andihambisani neqhinga lezikhohlakali.

19. “Amalungisa ayakubona ukutshabalala kwezikhohlakali, asuke avuye;abamsulwa bahlekisa ngazo besithi:

20. ‘Inene, iintshaba zethu zitshatyalalisiwe,nobutyebi bazo budliwe ngumlilo.’

21. “Ngoko ke wena zilahlele kuThixo, ube noxolo kunye naye;kwakuba njalo ke uya kuzuza okulungileyo.

22. Yamkela imfundiso ephuma emlonyeni wakhe,uwamilisele entliziyweni yakho amazwi akhe.

23. Ewe, ukuba uyabuyela kuSomandla uya kwakheka;nto nje wena lahla la manyondololo aqhubeka kulo mzi wakho.

24. Igolide yakho yilahle,neyona yodidi yaseOfire yithathe njengamatye nje aphaya entlanjeni.

25. Kuphela igolide yakho mayibe nguSomandla,neengqumba zesiliva yakho mayibe kwanguye.

26. Wakuba wenjenjalo ke uya kukholosa ngoThixo uSomandla,ubujongise kuye ubuso bakho.

27. Uya kuthandaza kuye eve;ngokunjalo ke nezibhambathiso zakho uzifezekise.

Uyobi 22