9. Emizini yabo bonwabile, abakhathazwa nto;uThixo akabayekeli ngezibetho.
10. Kubo iinkunzi ziyazizalisa iimazi, zingashiyi nanye;ibe ke neemazi zabo ziyazala zingaphunzi.
11. Owabo umlisela utaka-taka ngokwamatakane;abantwana babo bayadloba-dloba.
12. Ungafika bememelela bekhatshwa ziintambula neengqongqo;bangqungqa benemincili bebetha iifluthi.
13. Obabo ubomi babudla ngentlutha nenzolo,baze bathi nyubelele baye kutshona kwelemimoya ngaphandle kwamagingxi-gingxi.
14. Izikhohlakali zithi kuThixo: ‘Suka kuthi!Asinamdla wakuzazi iindlela zakho.’
15. Zisuka zithi:‘Kuxa engubani yena uSomandla ukuba singade simbuse?Khona, nzuzoni esiyifumanayo ngokumnqula?’
16. Kambe impumelelo yazo ayixhomekekanga ezandleni zazo.Mna andihambisani necebo lâbo bantu bakhohlakeleyo.
17. “Kukangaphi isibane sesikhohlakali sicinywa?Kukangaphi zingundaniselwa zizibetho?Andithi na kaloku uThixo abakhohlakeleyo ubahlomlela ingqumbo yakhe,
18. aze abavuthele baphephetheke njengengca enqunqiweyo,bavuthuluke njengomququ unyuka nesaqhwithi?
19. Ngaba uThixo usibekela abantwana isohlwayo sabazali?Hayi bo; makohlwaye abo bonileyo ngokwabo,khon' ukuze nabo baqonde.
20. Abo bonileyo mabaxhamle isohlwayo,basele ingqumbo kaSomandla.
21. Kakade ke, umntu uwukhathalele ngani umzi wakhe xa yena engasekho,xa iinyanga zakhe azibalelweyo kobu bomi seziphelile?
22. “Ngubani ongafundisa uThixo ulwazi?Nezithwala-ndwe zaphezulu zisesandleni sakhe nje!
23. Bambi bafa bethe gabhu kwintlala-kahle nenkqubela;bafa bengazele nto bekhuselekile.
24. Ewe, bafikelwa kukufa iimvaba zabo zizele ngamasi;nangokwasempilweni bayimiqaba-qaba.
25. Ukanti ke bambi bafa benxunguphele,bengazange bayive nokuyiva intlala-kahle.