21. Kakade ke, umntu uwukhathalele ngani umzi wakhe xa yena engasekho,xa iinyanga zakhe azibalelweyo kobu bomi seziphelile?
22. “Ngubani ongafundisa uThixo ulwazi?Nezithwala-ndwe zaphezulu zisesandleni sakhe nje!
23. Bambi bafa bethe gabhu kwintlala-kahle nenkqubela;bafa bengazele nto bekhuselekile.
24. Ewe, bafikelwa kukufa iimvaba zabo zizele ngamasi;nangokwasempilweni bayimiqaba-qaba.
25. Ukanti ke bambi bafa benxunguphele,bengazange bayive nokuyiva intlala-kahle.
26. Kambe ke bonke bayafa bangcwatywe,baze ke babe lixhoba leempethu.
27. Ewe, ndiyakubona ukuyila kweengqiqo zenu,ngokunjalo naloo mayelenqe niwayilayo ukuchasana nam.
28. Niyawaza kubuza ke nithi:‘Uphi umzi wesikhulu xa kunamhlanje-nje?Iphi loo ndlu sasiyenzela kuyo inkohlakalo?’
29. Ngaba anikhe nibuze na kwabalikhenkethileyo ilizwe?Ke, ngaba anikayiqondi ingxelo yabo?
30. Le yokuba ngomhla wesithwakumbe isikhohlakali siyasinda,sihlangulwe kuyo ingqumbo!
31. Akukho mntu ujongana naso asimangalele,kungekho bani usibuyekezayo ngezenzo zaso.
32. Sisiwa emangcwabeni,lilindwe ingcwaba laso.
33. Amagada entlambo alala athi ncwaba phezu komzimba waso.Bonke abantu bayasilandela ukuya apho;kanti sandulelwe linani elingenakubalwa.