Uyobi 21:1-12 Ibhayibhile (XHO96)

1. UYobi ke waphendula wenjenje:

2. “Khanibek' iindlebe nindiphulaphule;leyo ke yoba yeyona ntuthuzelo kum.

3. Khanindinyamezele nam ndikhe ndithethe;emva koko ke ningaqhubela phambili niphoxise.

4. “Ke mna ndifanele ukukhathazeka;kaloku andixabananga nomntu nje.

5. Jongani kum: niya kumangaliswa,nibamb' ongezantsi.

6. Nam ndithi ndakuyicinga le nto indihleleyo ndisuke ndikhwankqiswe,ndize ndifikelwe kukungcangcazela komzimba.

7. Ngani ukuba abakhohlakeleyo bayizuze inyhweba yokukhula bade babe badala,baxhamle ukomelela nenkqubela?

8. Bakhula babe nabantwana nabazukulwana;ewe, baba nenyhweba yokusibukela isizukulwana sabo.

9. Emizini yabo bonwabile, abakhathazwa nto;uThixo akabayekeli ngezibetho.

10. Kubo iinkunzi ziyazizalisa iimazi, zingashiyi nanye;ibe ke neemazi zabo ziyazala zingaphunzi.

11. Owabo umlisela utaka-taka ngokwamatakane;abantwana babo bayadloba-dloba.

12. Ungafika bememelela bekhatshwa ziintambula neengqongqo;bangqungqa benemincili bebetha iifluthi.

Uyobi 21