9. Ababehlala bembona abaphindi bambone,futhi nendawo yakhe ingaze ibe samalama.
10. Abantwana bakhe baya kubabuyekeza abasweleyo,izandla zakhe zibuyisele ubutyebi bakhe kubo.
11. Nakuba wayefudula enamandla ngeemini zobutsha bakhe,kodwa ngoku loo mandla aya kulala eluthulini kunye naye.
12. “Inkohlakalo inganambitheka kamnandi emlonyeni wakhe,ade ayigushe phantsi kolwimi.
13. Anganamathela kuyo angavumi ukwahlukana nayo,asuke akhethe ukuhlala eyimumathile ngenkalakahla.
14. Kodwa ke oko kutya kwakhe esiswini sakhe kosuka kukrakre,kube ngathi yityhefu yephimpi.
15. Kaloku umntu okhohlakeleyo ubutyebi ubuginya ajike abuhlanze;uThixo ubugrumba nakweso sisu sakhe.
16. Isikhohlakali simfimfitha ubuhlungu bamaphimpi,buze busibinze kanye oku kobuhlungu berhamba.
17. Asihlali side sibone imilambo empompoza amanzi,okanye iintlambo ezinkcenkceza ubusi namasi.
18. Ukubulaleka kwaso kufuneka sikuncamesingakhange sikuxhamle;kaloku asilifumani ithuba lokubutya ubutyebi baso,sinambithe imveliso yokurhweba kwaso.
19. Andithi na kaloku sona saphila kukucinezela abahlelelekileyo;izindlu sizifumana singazakhanga?
20. “Kaloku ukunyoluka komntu okhohlakeleyo akunasiphelo;ulixhoba leminqweno yakhe.
21. Utya konke, angashiyi nto;ngoko ke ngoku inkqubela yakhe isuke yanqamka.
22. Uthi xa asencotsheni yempumelelo ahlelwe ziinzima;zisuke zimfikele ngamandla iinkathazo.