Uyobi 20:18-29 Ibhayibhile (XHO96)

18. Ukubulaleka kwaso kufuneka sikuncamesingakhange sikuxhamle;kaloku asilifumani ithuba lokubutya ubutyebi baso,sinambithe imveliso yokurhweba kwaso.

19. Andithi na kaloku sona saphila kukucinezela abahlelelekileyo;izindlu sizifumana singazakhanga?

20. “Kaloku ukunyoluka komntu okhohlakeleyo akunasiphelo;ulixhoba leminqweno yakhe.

21. Utya konke, angashiyi nto;ngoko ke ngoku inkqubela yakhe isuke yanqamka.

22. Uthi xa asencotsheni yempumelelo ahlelwe ziinzima;zisuke zimfikele ngamandla iinkathazo.

23. Angatya yena ahluthe mpu,kodwa uThixo wosuka amnisele ngengqumbo yakhe,amohlwaye ngokumzisela imfazwe.

24. Xa azama ukuphepha ikrele elenziwe ngentsimbiuya kuchanwa lutolo lobhedu, lumbinze luphumele.

25. Xa elikhupha emqolo,encothula intloko yalo ekhazimlayo enyongweni,wosuka onganyelwe kukunkwantya.

26. Yonke indyebo yakhe yovuthuluka iphele,kuthi gqi umlilo ongaphenjwanga mntuutshabalalise okushiyekileyo endlwini yakhe.

27. Amazulu osuka awadandalazise amatyala akhe,ke lona ihlabathi lisuke limvukele.

28. Indlu yakhe iya kukhukuliswa,imke nomsinga wamanzi ngemini yengqumbo kaThixo.

29. Naso ke isabelo uThixo asinika abakhohlakeleyo;ewe, elo lilifa abamisele lona uThixo.”

Uyobi 20