1. Ke kaloku uZofare waseNama waphendula wathi:
2. “Ukudubeka kwam kundibangela ukuba mandiphendule;kunditsho ndikungxamele ukuthetha.
3. Ngale ndlela undigxeka ngayo uyandihlaza,kodwa ndiza kukuphendula ngengqiqo.
4. Ngaba akuyiqondi le nto, ingathi lisiko lidala nje?Laqala kwaukufika komntu wokuqala ehlabathini.
5. Nditsho le nto yokuba ulonwabo lwesikhohlakali alubhekele phi.Kaloku imincili yalowo ungamnquliyo uThixo yeyomzuzwana nje.