Uyobi 20:1-17 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku uZofare waseNama waphendula wathi:

2. “Ukudubeka kwam kundibangela ukuba mandiphendule;kunditsho ndikungxamele ukuthetha.

3. Ngale ndlela undigxeka ngayo uyandihlaza,kodwa ndiza kukuphendula ngengqiqo.

4. Ngaba akuyiqondi le nto, ingathi lisiko lidala nje?Laqala kwaukufika komntu wokuqala ehlabathini.

5. Nditsho le nto yokuba ulonwabo lwesikhohlakali alubhekele phi.Kaloku imincili yalowo ungamnquliyo uThixo yeyomzuzwana nje.

6. Ewe, yena angasisihandiba esiwakrobeleyo namazulu,abe sisikhulu esintloko irheca amafu,

7. kodwa wosuka adake kuphele njengelindle lakhe,baze abo bebembonile bathi: ‘Utshone phi na?’

8. Usuka athi shwaka njengephupha,azimele njengombono wasebusuku,angaze aphinde alanywe bani.

9. Ababehlala bembona abaphindi bambone,futhi nendawo yakhe ingaze ibe samalama.

10. Abantwana bakhe baya kubabuyekeza abasweleyo,izandla zakhe zibuyisele ubutyebi bakhe kubo.

11. Nakuba wayefudula enamandla ngeemini zobutsha bakhe,kodwa ngoku loo mandla aya kulala eluthulini kunye naye.

12. “Inkohlakalo inganambitheka kamnandi emlonyeni wakhe,ade ayigushe phantsi kolwimi.

13. Anganamathela kuyo angavumi ukwahlukana nayo,asuke akhethe ukuhlala eyimumathile ngenkalakahla.

14. Kodwa ke oko kutya kwakhe esiswini sakhe kosuka kukrakre,kube ngathi yityhefu yephimpi.

15. Kaloku umntu okhohlakeleyo ubutyebi ubuginya ajike abuhlanze;uThixo ubugrumba nakweso sisu sakhe.

16. Isikhohlakali simfimfitha ubuhlungu bamaphimpi,buze busibinze kanye oku kobuhlungu berhamba.

17. Asihlali side sibone imilambo empompoza amanzi,okanye iintlambo ezinkcenkceza ubusi namasi.

Uyobi 20