Uyobi 2:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. Kwakhona kwathi kwakufika usuku lokuba izidwangube zakwaThixo zihlanganisane phambi *koNdikhoyo noSathana wabakho phakathi kwazo ukuze avele phambi koNdikhoyo.

2. UNdikhoyo wathi kuSathana: “Uvela phi wena?”Ke yena uSathana wamphendula uNdikhoyo wathi: “Ndivela ekubhaduleni, ndisihla ndinyuka, ndijikeleza ehlabathini.”

3. UNdikhoyo wathi kuSathana: “Usiqondile kodwa isicaka sam uYobi? Akakho onjengaye ehlabathini liphela. Yena ngumfo othembekileyo ongenabala, indoda emhlonelayo uThixo, eyicezelayo into embi. Nangoku usabambelele ekuthembekeni kwakhe, nangona wena undixhokonxele ekubeni ndimonakalisele ngaphandle kwesizathu.”

4. USathana ke wamphendula uNdikhoyo wathi: “Hayi kaloku, isikhumba ngesikhumba! Umntu angancama yonke into anayo ngenxa yobomi bakhe.

5. Nangoku ungathi ukhe wolula isandla sakho wamchukumisa enyameni nasemathanjeni akhe, angakushwabulela nawe lo.”

Uyobi 2