Uyobi 19:11-19 Ibhayibhile (XHO96)

11. Ingqumbo yakhe uyijolise kum;undiphethe njengolona tshaba lwakhe.

12. Undikhuphele umkhosi wakhe;undimbela izikanisi zokundihlasela;ujikeleza umzi wam.

13. Unditsho ndabalekwa nangabantakwethu;xa kungokunje nezihlobo zam ezi zihambela phaya!

14. Okwakuzizalamane zam zindishiyile,ngokunjalo nabazalana nam bandilibele.

15. Abo babeziindwendwe zam abasandikhumbuli,nezicakazana zam azisandazele nto,sendithathwa njengowasemzini.

16. Ndakusibiza isicaka sam, asisabeli nokusabela oku,nditsho nokuba ndiyasicenga.

17. Kanti nomfazi wam weenkomo selekhutyekiswa kukuphefumla kwam;sendiliqaqa nakwabesizalo sikama.

18. Sendidelwe nangabantwana aba bembala;bathi ndakuthi gqi bakrukrutheke yintsini.

19. Endandikade ndilala ngengub' enye nabo, bayandicaphukela;ukanti nĂ¢bo ndibathandayo bandivukele.

Uyobi 19