Uyobi 19:1-9 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku waphendula uYobi wathi:

2. “Yaz'ba koda kube nini na nindingcungcuthekisa,nindaphula nindikroboza ngamazwi?

3. Kunini niphoxisa ngam!Aninantloni ukundihlasela kangaka?

4. Khona sekusithiwa ndonile,ningena phi ke nina?

5. Eyona nto ngoku niyandivuyelela;kuni ezi nkathazo zam zibonisa ubutyala bam.

6. Anisaboni ke nina ukuba nguThixo lo undifake kule ngxingwa?Ewe kaloku, nguye ondigubungele ngomnatha.

7. “Ndiba ngakhwaza ndisithi: ‘Ugonyamelo!’andifumani nokuhoywa oku!Futhi ndibe ngazibika,akukho bani undilamlelayo!

8. Yena uyivalile indlela yam ukuze ndingabi nakugqitha.Iindlela zam uzithe zinzi ngobumnyama.

9. Yena undihlube iwonga lam,wandihlutha naloo ntshinga bendinayo.

Uyobi 19