Uyobi 18:18-21 Ibhayibhile (XHO96)

18. Wogxothwa kweli lizwe lokukhanya, akhatshelwe ebumnyameni;ewe, uya kunikw' uphum' aphele kwelimiweyo.

19. Akayi kushiya mlibo nanzala phakathi kwamawabo;ngenene akayi kushiya nempunde le kwelakowabo.

20. Abasentshona bothi bakuyiva le ntlekele bakhamnqe;kanti ke abasempuma bothi bakuva ngesi sibetho batsho babamb' ongezantsi!

21. Kuya kuba njalo ke kwindlu yesikhohlakali.Ewe, injalo indawo yongamkhathalelanga uThixo!”

Uyobi 18