Uyobi 17:12-16 Ibhayibhile (XHO96)

12. Ubusuku bathi yimini;kanti xa kuhlwayo bathi sekuza kusa.

13. Uthi ke, xa ndingasuka ndithi elabafileyo likhaya lam,ndize ndizandlalele kwamnyama-ndawo,

14. okanye ke, xa ndinokuthi ingcwaba ngubawo,ndize ndithi iimpethu ngumama nodade wethu:

15. liphi ke ithemba lam,ingubani khona onokundibonelela?

16. Ngaba bendinokuhla nalo na ndiye emasangweni elabafileyo?Bendinokuhla nalo na, ndiye kuphumla nalo eluthulini?”

Uyobi 17