Uyobi 17:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. “Umoya wam wonakele, nemihla yam iphelile;ngoku sending'ong'ozelwe lingcwaba.

2. Inene, ngapha nangapha ndiphahlwe ngabandigculelayo;ewe, ndijongene nentiyo yabo.

3. “Nceda, Thixo, undibekele isibambiso.Kakade ke ibingubani omnye ongandikhuselayo?

4. Kaloku iingqiqo zabo uzithe lwale ngokungaqondi;ngoko ke mabangandoyisi.

5. Kaloku umntu ongcothoza izihlobo zakhe ngenxa yenzuzo,abantwana bakhe baya kufa amehlo.

6. “Undenze ndaba ngundaba-mlonyeni kubantu bonke,into etshicelwa ebusweni.

7. Ngenxa yeenzingo amehlo am selede anorhatyazo;sendide ndayingcadalala ephephukayo.

8. Abo banyanisekileyo ke bamangalisiwe;ewe, abamsulwa bayakhathazeka ngenxa yabachasene noThixo.

Uyobi 17