Uyobi 16:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke uYobi waphendula wenjenje:

2. “Zonke ezi zinto nindixelela zona sendikhe ndaziva ngaphambili;inene, xa ninonke ningabathuthuzeli abangento.

3. Ngaba le ntshwaqane yenu ayinasiphelo?Nomelezwa yintoni kangaka engxoxweni?

4. Nam bendingathethayo ngolo hlobo xa ibinini abakule meko ndikuyo;bendiya kuthetha nani ndimana ndichan' amagama,ndide ndimane ndihlunguzela intloko.

5. Bendiya kunomeleza ngamacebiso,ndinithuthuzele ngamazwi alalanisayo.

6. “Kambe ke, nokuba ndiyathetha, intlungu le ayisuki;kanti ke nokuba ndithule, kusafana.

7. Hayi ke, ngoku uThixo undiqobile;usapho lwam uluvuthulule bhuqe!

8. Ndifunyenwe nguye, kwaza oko kwaba bubungqina bokundityhola;ukonakala komzimba wam bubungqina obundidobelelayo.

Uyobi 16