4. Wena ngoku uyakuphuthisa ukuthobela uThixo;ngale ndlela yakho akukho bani ongaphinda anxulumane noThixo.
5. Ukuthetha kwakho sekulawulwa bubugwenxa;ulwimi lwakho luvuza amaqhinga.
6. Wena awugwetywa nandim, koko ngumlomo wakho,ngamazwi akho kanye akugwebayo.
7. “Nguwe na umntu wokuqala ukuzalwa?Ngaba wavela kungekabikho neentaba ezi?
8. Ngaba wawukho kwigqugula likaThixo?Ngani ke ukuba ububange kangaka ubulumko?
9. Zinto zini ezi zaziwa nguwe wedwa singazaziyo thina?Ngaba kukho izinto eziyintsonkotha ezicace kuwe wedwa?
10. Thina sineengwevu namadoda amakhulu,amadala nditsho nakuyihlo.
11. Kutheni ukuba unganeli yintuthuzelo kaThixo,okanye ngala mazwi sikubongoza ngawo?
12. Yintoni le ikulahlekisa kangaka?Atshawuziswa yintoni amehlo akho?
13. Kutheni ukuba uvukelane noThixo,ude uthethe amazwi anje?
14. “Nguwuphi umntu ongade abe nyulu,ingubani kwabazelweyo ngabafazi ongafumaneka engenatyala?
15. Khumbula kaloku ukuba uThixo akathembanga nditsho neengcwele zakhe zasezulwini;ewe, nezulu ngokwalo alikho nyulu emehlweni akhe.
16. Ubeka phi ke yena umntu eyinto elisikizi ephuthileyo nje?Kuxa engubani esela uluchwe lobubi nje oku kwamanzi?