13. Kutheni ukuba uvukelane noThixo,ude uthethe amazwi anje?
14. “Nguwuphi umntu ongade abe nyulu,ingubani kwabazelweyo ngabafazi ongafumaneka engenatyala?
15. Khumbula kaloku ukuba uThixo akathembanga nditsho neengcwele zakhe zasezulwini;ewe, nezulu ngokwalo alikho nyulu emehlweni akhe.
16. Ubeka phi ke yena umntu eyinto elisikizi ephuthileyo nje?Kuxa engubani esela uluchwe lobubi nje oku kwamanzi?
17. “Khawuphulaphule ndikhe ndikuxelele,ndikwazise izinto endizibonileyo.
18. Nditsho ezo zaxelwayo zizilumkonjengoko zona zingafihlelwanga ngamanyange.
19. Kaloku wona eli lizwe alinikwa laba lelawo odwakungekho maveza-ndlebe.
20. Isikhohlakali sihlala sibhinyalaza singcungcutheka yonke imihla yaso;ewe, bunjalo ke bonke ubomi bomntu ongqwabalala!
21. Kaloku sisoloko sisothuswa yingxolo esezindlebeni zaso;size sihlaselwe xa sizicingela ukuba sikhuselekile.
22. Asinathemba lakuphuncula ebumnyamenikuba sihleli silindelwe likrele.
23. Kaloku lo mntu usesichengeni sokuba kukutya kwamaxhalanga;uqonda kakuhle ukuba yintshabalalo ngaphambili.
24. Usuka onganyelwe yinkxwaleko nomva-ndedwa,kanye oku kokumkani esiya kuhlasela.
25. Kaloku yena usolulele kuThixo isandla sakhe,wazenza igorha kuSomandla,
26. emhlasela engakhathalele,ephethe elo khaka lakhe elingqingqwa.