Uyobi 14:5-10 Ibhayibhile (XHO96)

5. Kaloku imihla yakhe seyimisiwe,nenani leenyanga zakhe liyaziwa nguwe;kananjalo ke ummisele umda angenakuwutsiba.

6. Somyeka, ungabi samjonga,akhe aphumle njengomqeshwa ogqibe umsebenzi wemini.

7. “Umthi xa ugawuliwe lisekhona ithemba ngawo;awunakufa kuphele, usenokubuya uhlume amagqabi.

8. Noba ingakhula ibe ndala ingcambu yawo emhlabeninesiphunzi sawo sife apho simile khona,

9. uthi nje ukuba ukhe wasezela ukunyepha kwamanzi,utsho uhlume, uvelise amasebe njengegatyana lomthi.

10. Ukanti ke yena umntu uyafa, iphel' intw' ibithethwa.Ewe, uyafa aphel' emehlweni.

Uyobi 14