Uyobi 14:12-16 Ibhayibhile (XHO96)

12. nomntu ke unjalo, ulala phantsi angabuyi avuke.Ibe ke soze aphinde avuke,okanye ashukunyiswe kobo buthongo bakhe,ade amazulu angabi sabikho.

13. “Akwaba ubungandifihla kwelo labafileyoide ithothe ingqumbo yakho,uze ke undimisele ixesha oya kundikhumbula ngalo.

14. Ukuba ngaba ke umntu ufile, angabuya aphile?Xa kunjalo ngendilinda yonke imihla yokubulaleka kwam,lide lifike ixesha lokukhululeka kwam.

15. Ngewundibiza, ndisabele ke mna,kuba wena ukulangazelela ukubona umsebenzi wezandla zakho.

16. Ngewuzibala izinyathelo zam,ungaziqwalaseli noko iziphoso zam.

Uyobi 14