Uyobi 14:11-22 Ibhayibhile (XHO96)

11. Njengokuba amanzi echibi ephela, namanzi omlambo esitsha ome;

12. nomntu ke unjalo, ulala phantsi angabuyi avuke.Ibe ke soze aphinde avuke,okanye ashukunyiswe kobo buthongo bakhe,ade amazulu angabi sabikho.

13. “Akwaba ubungandifihla kwelo labafileyoide ithothe ingqumbo yakho,uze ke undimisele ixesha oya kundikhumbula ngalo.

14. Ukuba ngaba ke umntu ufile, angabuya aphile?Xa kunjalo ngendilinda yonke imihla yokubulaleka kwam,lide lifike ixesha lokukhululeka kwam.

15. Ngewundibiza, ndisabele ke mna,kuba wena ukulangazelela ukubona umsebenzi wezandla zakho.

16. Ngewuzibala izinyathelo zam,ungaziqwalaseli noko iziphoso zam.

17. Zonke izikreqo zam ziya kuvalelwa engxoweni,ubugqume ubugwenxa bam.

18-19. Kodwa wena uyalitshitshisa ithemba lomntu,oku kweentaba ezidilikayo zivuthuluke,oku kwamawa asunduziweyo angabi sabakho,nditsho oku kwamanzi awadlayo amatye,okwezandyondyo zemvula eziwukhukulisayo umhlaba.

20. Umntu umvikiva kube kanye, angabi sabikho;uguqula ubuso bakhe, umgxothe.

21. Oonyana bakhe noba sebewongekile, akaqondi yena;ukanti akaboni naxa sebehlazeka.

22. Kaloku into emdlayo yintlungu yesiqu sakhe,abe ezililela yena buqu.”

Uyobi 14