Uyobi 14:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. “Hayi kambe umntu, intw' ezelwe ngumfazi!Mifutshane imihla yakhe; izele ziinkathazo.

2. Uvela njengentyatyambo, akhawuleze abune;uthi tshe oku kwesithunzi, aphel' emehlweni.

3. Uthi onjalo ke ungamgqala,ude ume naye enkundleni umgwebe?

4. Ngaba ukhona na ongakhupha into ehlambulukileyo kwengahlambulukanga?Unotshe, akukho namnye!

5. Kaloku imihla yakhe seyimisiwe,nenani leenyanga zakhe liyaziwa nguwe;kananjalo ke ummisele umda angenakuwutsiba.

6. Somyeka, ungabi samjonga,akhe aphumle njengomqeshwa ogqibe umsebenzi wemini.

18-19. Kodwa wena uyalitshitshisa ithemba lomntu,oku kweentaba ezidilikayo zivuthuluke,oku kwamawa asunduziweyo angabi sabakho,nditsho oku kwamanzi awadlayo amatye,okwezandyondyo zemvula eziwukhukulisayo umhlaba.

Uyobi 14