4. Ke nina nilibele kukugquma inyaniso ngobuxoki;nifana nqwa neqithilili logqirha ongenakunyanga mntu.
5. Akwaba beningathi cwaka;oko kuthula kwenu bekungaba bobona bulumko benu.
6. Khaniphulaphule xa ndixoxayo,nive ukuzithethelela kwam.
7. Nicinga ukuba ningakuThixo, nide nikhuthaze intswela-bulungisa nje?Nithi ninceda yena ngale nkohliso?
8. Ngaba nizama ukuthatha icala ngenxa yakhe?Nifuna ukuthethela uThixo?
9. Nithi kunganjani xa anokuthi anigoca-goce?Mhlawumbi naye nithi ningamkhohlisa ngale ndlela nibakhohlisa ngayo abantu?
10. Inene, uya kunohlwaya,ukuba nenza isheyi ngokufihlakeleyo.
11. Ewe, ubungangamsha bakhe buya kunirhwaqelisa,nonganyelwe kukunkwantya.
12. Kaloku ezi zangotshe zenu zifana nelahle elinothuthu;zaye ke nezi ngxoxo zenu ziya kusumka ngathi ludongwe.”
13. “Sukan' apha! Khanindiyeke ndithethe utyhatyhiwe,yehl' ehlayo!