Uyobi 13:2-11 Ibhayibhile (XHO96)

2. Zonke ezi zinto nizaziyo nam ndiyazazi;anindidlule nganto.

3. Kambe ke mna okunokwam ndifuna ukuthetha noSomandla,ndiwaneke ndiwuxoxe naye lo mcimbi.

4. Ke nina nilibele kukugquma inyaniso ngobuxoki;nifana nqwa neqithilili logqirha ongenakunyanga mntu.

5. Akwaba beningathi cwaka;oko kuthula kwenu bekungaba bobona bulumko benu.

6. Khaniphulaphule xa ndixoxayo,nive ukuzithethelela kwam.

7. Nicinga ukuba ningakuThixo, nide nikhuthaze intswela-bulungisa nje?Nithi ninceda yena ngale nkohliso?

8. Ngaba nizama ukuthatha icala ngenxa yakhe?Nifuna ukuthethela uThixo?

9. Nithi kunganjani xa anokuthi anigoca-goce?Mhlawumbi naye nithi ningamkhohlisa ngale ndlela nibakhohlisa ngayo abantu?

10. Inene, uya kunohlwaya,ukuba nenza isheyi ngokufihlakeleyo.

11. Ewe, ubungangamsha bakhe buya kunirhwaqelisa,nonganyelwe kukunkwantya.

Uyobi 13