2. Zonke ezi zinto nizaziyo nam ndiyazazi;anindidlule nganto.
3. Kambe ke mna okunokwam ndifuna ukuthetha noSomandla,ndiwaneke ndiwuxoxe naye lo mcimbi.
4. Ke nina nilibele kukugquma inyaniso ngobuxoki;nifana nqwa neqithilili logqirha ongenakunyanga mntu.
5. Akwaba beningathi cwaka;oko kuthula kwenu bekungaba bobona bulumko benu.
6. Khaniphulaphule xa ndixoxayo,nive ukuzithethelela kwam.
7. Nicinga ukuba ningakuThixo, nide nikhuthaze intswela-bulungisa nje?Nithi ninceda yena ngale nkohliso?
8. Ngaba nizama ukuthatha icala ngenxa yakhe?Nifuna ukuthethela uThixo?
9. Nithi kunganjani xa anokuthi anigoca-goce?Mhlawumbi naye nithi ningamkhohlisa ngale ndlela nibakhohlisa ngayo abantu?
10. Inene, uya kunohlwaya,ukuba nenza isheyi ngokufihlakeleyo.
11. Ewe, ubungangamsha bakhe buya kunirhwaqelisa,nonganyelwe kukunkwantya.