Uyobi 13:19-28 Ibhayibhile (XHO96)

19. Ngaba ukhona na ongabambana nam?Kuba xa kunjalo ndothi cwaka ndife.

20. “Masivumelane ngezi zinto zimbini, Thixo,ukuze ndingabi sazama kuzifihla kuwe.

21. Sirhoxise kum isandla sakho, sahlukane nam;mandingabi sahlala ndirhwaqele ndisoyika wena.

22. Uze uthethe, ndiya kukuphendula;okanye kuya kuthetha mna, ke wena uze undiphendule.

23. Bungakanani na ubugwenxa bam nesono sam?Ndazise ubutyala nokona kwam.

24. Ngani ukuba undifulathele,undithathe njengotshaba?

25. Ngoku sowusukelisana negqabi eliphephethekayo?Uhlasela inkintshi-nkintshi yomququ?

26. Kaloku undimangalela ngezityholo ezinzima;ude undityabeke ngobutyala bam basebuntwaneni.

27. Iinyawo zam uzikhonkxa ngezikhuni;uyazigqala zonke iindlela zam,uzicandele umda iintende zeenyawo zam.

28. Ngenxa yoko ndivuthuluka njengevithi;sendifana nempahla edliwe ngamanundu.”

Uyobi 13