19. Ngaba ukhona na ongabambana nam?Kuba xa kunjalo ndothi cwaka ndife.
20. “Masivumelane ngezi zinto zimbini, Thixo,ukuze ndingabi sazama kuzifihla kuwe.
21. Sirhoxise kum isandla sakho, sahlukane nam;mandingabi sahlala ndirhwaqele ndisoyika wena.
22. Uze uthethe, ndiya kukuphendula;okanye kuya kuthetha mna, ke wena uze undiphendule.
23. Bungakanani na ubugwenxa bam nesono sam?Ndazise ubutyala nokona kwam.
24. Ngani ukuba undifulathele,undithathe njengotshaba?
25. Ngoku sowusukelisana negqabi eliphephethekayo?Uhlasela inkintshi-nkintshi yomququ?
26. Kaloku undimangalela ngezityholo ezinzima;ude undityabeke ngobutyala bam basebuntwaneni.
27. Iinyawo zam uzikhonkxa ngezikhuni;uyazigqala zonke iindlela zam,uzicandele umda iintende zeenyawo zam.
28. Ngenxa yoko ndivuthuluka njengevithi;sendifana nempahla edliwe ngamanundu.”