11. Ewe, ubungangamsha bakhe buya kunirhwaqelisa,nonganyelwe kukunkwantya.
12. Kaloku ezi zangotshe zenu zifana nelahle elinothuthu;zaye ke nezi ngxoxo zenu ziya kusumka ngathi ludongwe.”
13. “Sukan' apha! Khanindiyeke ndithethe utyhatyhiwe,yehl' ehlayo!
14. Ngoku ndiza kuzibeka esichengeni,ubomi bam bube semngciphekweni.
15. Noba selengade andigwinte andikhathali;kodwa ukuxoxa oku ke kona ndiza kuxoxa,ndiyandlale kuThixo imeko yam!
16. Mhlawumbi le nto yeyona ingandisindisayo,kuba ke akukho saphula-mthetho singade sibe nokujongana naye.
17. Khanibaz' iindlebe nindiphulaphule,niyiqwalasele ingcaciso yam.
18. Hayi ke, ngoku sendiqule ndaligangatha;futhi ndiza kuyibeka imeko yam, ndixoxe ndiphume phambili.
19. Ngaba ukhona na ongabambana nam?Kuba xa kunjalo ndothi cwaka ndife.
20. “Masivumelane ngezi zinto zimbini, Thixo,ukuze ndingabi sazama kuzifihla kuwe.
21. Sirhoxise kum isandla sakho, sahlukane nam;mandingabi sahlala ndirhwaqele ndisoyika wena.
22. Uze uthethe, ndiya kukuphendula;okanye kuya kuthetha mna, ke wena uze undiphendule.
23. Bungakanani na ubugwenxa bam nesono sam?Ndazise ubutyala nokona kwam.
24. Ngani ukuba undifulathele,undithathe njengotshaba?
25. Ngoku sowusukelisana negqabi eliphephethekayo?Uhlasela inkintshi-nkintshi yomququ?
26. Kaloku undimangalela ngezityholo ezinzima;ude undityabeke ngobutyala bam basebuntwaneni.