Uyobi 13:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. “Hayi kaloku, zonke ezi zinto sendikhe ndazibonangala wam amehlo;ewe, ndizivile ngezi zam iindlebe, ndaye ke ndiziqonda.

2. Zonke ezi zinto nizaziyo nam ndiyazazi;anindidlule nganto.

3. Kambe ke mna okunokwam ndifuna ukuthetha noSomandla,ndiwaneke ndiwuxoxe naye lo mcimbi.

4. Ke nina nilibele kukugquma inyaniso ngobuxoki;nifana nqwa neqithilili logqirha ongenakunyanga mntu.

5. Akwaba beningathi cwaka;oko kuthula kwenu bekungaba bobona bulumko benu.

6. Khaniphulaphule xa ndixoxayo,nive ukuzithethelela kwam.

7. Nicinga ukuba ningakuThixo, nide nikhuthaze intswela-bulungisa nje?Nithi ninceda yena ngale nkohliso?

Uyobi 13