6. Kukho ulonwabo ezindlwini zezikrelemnqa;abamqumbisayo uThixo bakhuselekile;nditsho abo bacingayo ukuba uThixo usezandleni zabo.
7. “Kodwa ke khanibuze nakwiinyamakazi, ziya kunifundisa;nibuze nasezintakeni, zinixelele.
8. Khaningqawe ulwazi nakwizilo zomhlaba, ziya kuninika;ninkinkqe ukuqonda nasezintlanzini elwandle, ziya kuniphokozela.
9. Phakathi kwazo akukho ungaqondiyo ukuba le nto yenziwe *nguNdikhoyo.
10. Kaloku zonke izinto eziphilayo zisesandleni sakhe,nobomi boluntu lonke buxhomekeke kuye.
11. Kaloku kwanjengokuba umlomo usiva ubunjani bokutya,nendlebe ke iyawaphicotha amazwi.
12. Ubulumko buyafumaneka kwiingwevu;ke bona ubudala buza namava.
13. “Kanti ke yena uThixo unobulumko namandla,amacebo nengqiqo.
14. Into ayiqhaqhileyo akukho mntu unokubuya ayakhe;ngokunjalo nomntu amvaleleyo akukho ungamvulelayo.
15. UThixo akuwavalela amanzi kuyabalela;kanti ke akuwavulela kutsho kube ziimpuphuma.
16. Ukomelela noloyiso lolwakhe,kanti ke nabakhohlisi ngokunjalo nabakhohliswa basesandleni sakhe.
17. Yena amaphakathi uwatsho ancitheke,nabagwebi abatsho babe ziimpanga-mpanga.