Uyobi 12:17-25 Ibhayibhile (XHO96)

17. Yena amaphakathi uwatsho ancitheke,nabagwebi abatsho babe ziimpanga-mpanga.

18. Uyawakhulula amakhamandela aqhotyoshwe ngookumkani,aze bona ngokwabo abanxibise umbhinqo wamabanjwa.

19. Ababingeleli ubatsho baphoxeke,aze wona amakhwahla awakhiqe.

20. Amaciko athenjiweyo uwatsho abhibhidle;aze ayiphuthise nengqiqo yamadoda amakhulu.

21. Amatshawe uwahlaza ngendelelo;ke zona iingwanyalala uzihlutha izixhobo.

22. Utyhila izinto ezifihlakele ezinzulwini zobumnyama,nobona bumbonde-mbonde abujike bube kukukhanya.

23. Uyazikhulisa izizwe, abuye azivuthulule;azithi jize ngobungangalala, abuye aziyekele zithinjwe.

24. Iinkokheli zezizwe uzitsho zibe zizithwanga-thwanga,zifathule zibhadula enkangala.

25. Ngoko ke ziphutha-phutha ebumnyameni, kungekho kukhanya;zigxadazele njengamanxila.

Uyobi 12