Uyobi 12:1-9 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke uYobi waphendula wathi:

2. “Inene, ningabona bantu;ibe ke nobulumko buya kufa nani!

3. Kambe ke nam ndinengqondo njengani;anindidluli nganto.Kakade ke nithi ngubani ongàzaziyo ezi zinto?

4. “Mna ndiyakhala kuThixo, aze andiphendule;kodwa ngoku sendiyintlekisa nakwizihlobo zam –ewe, ilungisa lomfo ongenabala,kambe ke namhlanje ndisisigculelo!

5. Oseshweni uyadelwa ngabathe zava;ogxadazelayo uyakhatywa!

6. Kukho ulonwabo ezindlwini zezikrelemnqa;abamqumbisayo uThixo bakhuselekile;nditsho abo bacingayo ukuba uThixo usezandleni zabo.

7. “Kodwa ke khanibuze nakwiinyamakazi, ziya kunifundisa;nibuze nasezintakeni, zinixelele.

8. Khaningqawe ulwazi nakwizilo zomhlaba, ziya kuninika;ninkinkqe ukuqonda nasezintlanzini elwandle, ziya kuniphokozela.

9. Phakathi kwazo akukho ungaqondiyo ukuba le nto yenziwe *nguNdikhoyo.

Uyobi 12