20. Ewe, bufutshane kambe ubomi bam!Hayi khona, khawundiyeke ndikhe ndiphumle kancinane!
21. Kaloku ngoku ndiyahamba,ibe ke soze ndibuye;ndiya kwilizwe lethunzi nobumnyama.
22. Ewe, ndiya kwilizwe lobumnyama namathunzi,nelesithokothoko sobumnyama,apho ukukhanya kufana nobumnyama.’ ”