17. Abafazi balapho bathi: “UNawomi unomntwana oyinkwenkwe.” Baza bamthiya igama, bathi nguObhedi.UObhedi yena ngulo wazala uJese uyise kaDavide.
18. Nguwo ke lo umlibo osuka kuPerezi use kuDavide: UPerezi uzele uHezeron; uHezeron uzele uRam;
19. uRam uzele uAminadabhi;
20. uAminadabhi uzele uNashon; uNashon uzele uSalman;
21. uSalman uzele uBhowazi; uBhowazi uzele uObhedi;
22. uObhedi uzele uJese; uJese uzele uDavide.