Urute 4:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. Wenjenjeya uBhowazi ukusinga kwindawo yembizo ngasemasangweni omzi, wafika wahlala phantsi. Esahleli apho, kwathi gqi isizalwana sikaElimeleki esingumkhululi, esiya wayethethe ngaso kuRute, wasibiza esithi: “Khawuz' apha, mfondini, uhlale phantsi.”Siyile ke, safika sahlala phantsi,

2. waza uBhowazi wabiza ishumi lamadoda amakhulu omzi, wathi kuwo: “Khanikhe nithi nqwadalala apha.” Enjenjalo ke.

3. UBhowazi wabhekisa kwisizalwana sakhe esingumkhululi wenjenje: “UNawomi obuyileyo eMowabhi ufuna ukuwuthengisa lowa mhlaba womntakwethu uElimeleki.

4. Ndithe lo mbandela ndokha ndiwuphalaze kuwe apha phambi kwaba bantu balapha kunye nala madoda makhulu akowethu, ndiqonde ukuba uyawuthatha na. Ukuba uyawuthatha, wuthathe; kodwa ukuba akuwuthathi, ndixelele. Kaloku akukho mntu unelungelo ngaphezu kwakho; nkqu nam ndilandela wena.”“Hayi, ndiza kuyithatha loo ntsimi,” watsho loo mfo.

Urute 4