Urute 3:14-17 Ibhayibhile (XHO96)

14. Wangqengqa apho ke uRute ngasezinyaweni zikaBhowazi. Uvuke kunye neenkuku, bengekabi namanakani abantu, kuba kaloku uBhowazi wayethe: “Mayingaziwa bani into yokuba umntu obhinqileyo ukhe walala esandeni.”

15. UBhowazi wathi kuRute: “Yiza nengubo oyambetheyo, ukhongozele,” waza wagalela kuyo ingqolowa eninzi (malunga namashumi amabini eekhilogram) wamthwalisa wabuyela edolophini.

16. Akufika ekhaya uRute, uninazala uNawomi umbuze wathi: “Kwehla ntoni ke, mntwan' am?”URute wabalisa konke okwenziwe nguBhowazi.

17. Watsho nokuthi: “Undiphe nale ngqolowa ingaka, esithi: ‘Mawungabuyeli kunyoko-zala ulambatha.’ ”

Urute 3