Wanduluka ke uRute ukuya emasimini. Wafika walandela abavuni, ehamba ebhikica. Kwathi kanti loo nto uyenza entsimini kaBhowazi owayezalana noElimeleki.