Urute 2:14-23 Ibhayibhile (XHO96)

14. Kuthe xa kutyiwayo, uBhowazi wathi kuye: “Yiz' apha, uthathe isonka, usithi nkxu kwiwayini.” Ke uRute wahlala phantsi kunye neentombi ezingabavuni; waza uBhowazi wamnika ugcado, watya wahlutha, kwada kwasala.

15. Ubuye waya kubhikica kwakhona uRute. UBhowazi yena wayalela izicaka zakhe, wathi: “Ze nimyeke ningamnqandi nokuba selebhikica ngasezithungwini.

16. Ngaphaya koko ze nide nimrhutyele nasezithungwini ingqolowa, nishiye abhikice, ningamkhalimeli.”

17. Kwada kwatshona ilanga uRute ekhwahlaza. Uthe akuyibhula wafumana malunga neshumi leekhilogram zengqolowa.

18. Wayithwala wagoduka nayo, wayibonisa uninazala. Wamnika nokutya awayembekele kona kwisidlo sasemini.

19. UNawomi wambuza wathi: “Ubhikice phi namhlanje? Ubusebenza kwabani? Wanga angasikeleleka lowo ukwenzele ububele.”URute wamxelela uninazala ukuba ubebhikica kumasimi kabani, esithi: “Ndisebenze entsimini yomfo ekuthiwa nguBhowazi.”

20. Wavakala uNawomi esithi kumolokazana: “UNdikhoyo ozibele zihlala zihleli kwabaphilayo nabafileyo makamthamsanqelise uBhowazi!” Uqokele wathi: “Loo mfo usisizalwane esisondeleyo kuthi. Ungomnye wabantu esijonge kubo njengomkhululi.”

21. Ke uRute umMowabhikazi wathi: “Kananjalo uBhowazi uthe mandincamathele kubasebenzi bakhe de kugqitywe ukuvunwa.”

22. UNawomi uthe: “Ewe, mntwan' am, kuhle uhambe neentombi zaphaya kwaBhowazi. Usenokuhlelwa yinto embi kumasimi abanye abantu.”

23. URute wancamathela kwezo ntombi zakwaBhowazi, ekhwahlaza kwada kwagqitywa ukuvunwa kwerhasi nengqolowa. Wayehlala no ninazala ngalo lonke elo xesha.

Urute 2