Urute 1:1-10 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ngexesha leenkokheli kwabakho indlala enkulu elizweni. Kwasuka mfo uthile waseBhetelehem kwaJuda, waphambukela eMowabhi kunye nomkakhe noonyana bakhe ababini.

2. Igama lale ndoda lalinguElimeleki; elomkakhe lalinguNawomi, oonyana benguMalon noKiliyon. BabengamaEfrayim awayemi eBhetelehem kwaJuda, baza baya kuma elizweni laseMowabhi.

3. Waza ke uElimeleki indoda kaNawomi wasweleka, uNawomi wasala noonyana bakhe bobabini,

4. ababetshathe iintombi zamaMowabhi. Inkulu yayizeke uOrpa, inci izeke uRute. Bahlala khona iminyaka emalunga neshumi,

5. basweleka nabo ooMalon noKiliyon, wasala uNawomi engumhlolokazi engasenandoda nanyana.

6. Akuva uNawomi ukuba *uNdikhoyo ubabonelele abantu bakhe ngesivuno esihle, uye walungiselela ukuya kowabo kunye noomolokazana bakhe ababini.

7. Wayishiya loo ndawo wayehlala kuyo, wanduluka kunye noomolokazana bakhe, wangena endleleni esinga kwilizwe lakwaJuda.

8. Wavakala esithi uNawomi koomolokazana bakhe: “Buyelani kumakhaya enu. Ubenga uNdikhoyo anganenzela izibele njengoko benisenza kum nakwabo basishiyileyo.

9. Ubenga uNdikhoyo anganinika indawo yokuphumla, elowo endlwini yendoda yakhe.”UNawomi wabanga ebabulisa. Kodwa bona basuka basitsho isikhalo,

10. bathi: “Hayi, nakanjani siza kuya kowenu kunye nawe!”

Urute 1