13. “Wena wehla wathi ngcu kwintaba iSinayi,wathetha nabo usezulwini,waza wabanika imiqathangonemithetho elunge kwaphela,izimiso neziyalo ezifanalekileyo.
14. Wawazisa kubo umhla wakho owodwa wokuphumla,wabathi jize ngemiyalelo,imimiselo, kwanemithetho,ngesicaka sakho uMosis.
15. Bakulamba wabanika ukutya,ukutya okuvela ezulwini.Bakunxanwa wabanika amanzi,amanzi aphuma eliweni.Wena wabayalela usithi mabalithathe elo lizwe,umhlaba owabafungela ngawousithi sobanika isandla sakho.
16. “Kodwa ke bona oobawo-mkhulusuka bakhukhumala banenkani,abayithobela imiyalelo yakho.
17. Abavumanga kuphulaphula,bayilibala imimangaliso yakhoowayenza phakathi kwabo.Suka bankaniza bagwilika,bazinyulela inkokheli,befuna ukuphindela ebukhobokeni.Kambe ke wena unguThixo oxolelayo,wambeth' isisa novelwano,ucaphuka kade,uphuphum' uthando.Ewe, wena akubalahlanga.
18. Nangona sebezenzele umfanekiso,baqingqa ithole, besithi:‘Nanko uThixo wakhoowakukhupha kwelo laseJiputa;’naxa babesenza amanyundululu.