Unehemiya 5:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ngoku ke amadoda nabafazi bawo benza isimbonono bekhalazela amawabo angamaJuda.

2. Abanye babesithi: “Thina noonyana neentombi zethu sibaninzi; ngoko ke ukuze sibe nokutya siphile kufuneka sikufumane ukudla.”

3. Abanye ke babesithi: “Sibambise ngamasimi ethu, nezidiliya, namakhaya, ukuze sizuze ukudla ngethuba lendlala.”

4. Kwakukho nabathi: “Siboleke imali ukuze sibe nokuhlawula irhafu yakomkhulu ngenxa yamasimi nezidiliya zethu,

5. kodwa nangona sibanye ngegazi namawethu la, futhi oonyana bethu befana nababo, kodwa thina oonyana neentombi zethu bazizisulu zobukhoboka. Ezinye kwiintombi zethu sezingene ebukhobokeni; ke thina asinakwenza nto, kuba amasimi nezidiliya zethu zathathwa zanikwa bantu bambi.”

Unehemiya 5