Unehemiya 2:8-13 Ibhayibhile (XHO96)

8. Uze undiphathise neleta eya kuAsafu umgcini-mahlathi okumkani, ukuze andinike imithi yokwenza imiqadi yamasango enqaba ekufuphi nendlu kaThixo, neyokwakha iindonga zesixeko, ndawonye nendawo yam yokuhlala.” Ngenxa yesandla esikulunga sikaThixo wam esasiphezu kwam ukumkani wazamkela zonke ezo zicelo zam.

9. Ndaya ke kubalawuli belentshona ye-Efrati, ndabanika ezo leta zazivela kukumkani. Kananjalo ke ukumkani wayendikhuphele namagosa omkhosi, namajoni amahashe.

10. USanebhalati umHoron, noTobhiya igosa lom-Amon, bathe bakuyiva le nto, suka bakhathazeka yinto yokuba kubekho umntu oze kuphuhlisa intlalo-ntle yamaSirayeli.

11. Ndaya eJerusalem, ndaza emva kweentsuku ezintathu

12. ndaphuma ngobusuku ndinebathwana lamadoda. Zange ndixelele mntu ngento uThixo wam ayibeke entliziyweni yam ukuba ndiyenzele iJerusalem. Kwakungekho nazinto zokukhwela ngaphandle kwaleyo ndandikhwele kuyo.

13. Ngobusuku njalo ndaphuma ngeSango leNtili, ndaya ngakwiQula likaDyakalashe neSango lobuLongwe, ndazihlola ezo ndonga zidilikileyo naloo masango atshiswe ngomlilo.

Unehemiya 2