12. Xa ewonke uJuda wazizisa izishumi zeenkozo, iwayini entsha, namafutha omnquma, wazifaka koovimba.
13. Ndamisa umbingeleli uShelemiya, umchazi-mthetho uZadoki, nomLevi ogama linguPedaya, bajonga oovimba, bencediswa nguHanan unyana kaZakure, kaMataniya. Kaloku la madoda ayesaziwa ngokuthembeka. Yayingawo athwele uxanduva lokwabela amawawo.
14. Thixo wam, uze undikhumbule ngale nto, ungawucimi umsebenzi ongaka endiwenze ngentembeko enje ngenxa yendlu kaThixo wam neenkonzo zayo.
15. Ngaloo mihla ke kwelakwaJuda ndabona amadoda exovula iwayini *ngoMhla wokuPhumla, ethwele ukudla okuziinkozo, ekulayisha ezidonkini kunye newayini, idiliya, amakhiwane, nezinye iindidi zemithwalo. Zonke ke ezo zinto ayezizisa eJerusalem ngoMhla wokuPhumla. Ke kaloku ndawalumkisa ukuba angathengisi kutya ngaloo mhla.