1. Ke kaloku iinkokheli zesizwe zazinza eJerusalem, baza abanye abantu benza amaqashiso ukuze kwishumi ngalinye labantu umntu omnye aphume aye kuma eJerusalem, isixeko esingcwele, baze ke abaseleyo abalithoba beme kwiidolophu zabo.
2. Abantu babancoma abo bazinikelela ukuya kuma eJerusalem.
3. Nazi iinkokheli zephondo ezaya kuhlala eJerusalem: Ke amanye amaSirayeli, ababingeleli, abaLevi, nezicaka zendlu kaThixo, nenzala yezicaka zikaSolomon, yahlala kwiidolophu zelakwaJuda; yangulowo nalowo wahlala emzini wakhe kwezo dolophu zahlukeneyo;
4. babe ke abanye abakwaJuda nabakwaBhenjamin behleli eJerusalem.Kwinzala kaJuda yaba nguAtaya unyana kaUziya, kaZakariya, ka-Amariya, kaShefatiya, kaMahalaleli, inzala kaPerezi,
5. noMaseya unyana kaBharuki, unyana kaKolihoze, kaHazaya, ka-Adaya, kaYoyaribhi, kaZakariya, inzala kaShela.